By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 12 Jul 2023
Language: Xhosa
Category: Government
iSebe loPhuhliso loLuntu eMntla Koloni lusaqhubeka ukunika isandla kubahlali beSithili yaseNamakwa
ISebe loPhuhliso loLuntu eMntla Koloni liqhubekile ngoLwesibini, umhla weshumi elinanye kweyeSilimela 2023, ukunika isandla kuluntu lwaseNourivier kumakhaya amalunga nekhulu elinamashumi amane ekunqandeni ukuma emigceni.NgoMvulo, ikhulu elinamashumi amathathu anesine amakhaya ePaulshoek abonelelwe ngoncedo lokutya kwaye ishumi elinesine lisashiyekile. Abantu abadala kunye namalungu abuthathaka oluntu ancedwa ekhaya.Oku kulandela iimeko zemozulu ezimaxongo ezibangele abantu abahlanu ababhubhileyo abathi bakhukuliswe zizikhukula ezinamandla. Ngokukamasipala wendawo yaseNama-khoi, iQela loPhando noHlangulo lifumene izidumbu ezithathu. Ngaphaya koko, izikhukula zikwanciphisa iziseko zophuhliso loomasipala bengingqi kwaye kufuneka zilungiswe.
Related News