Uceba uCharllotte Visser unabise ngelithe, abahlali baseConcordia kufuneka bathathele ingqalelo xa kuziwa kwikhaya lwabalele ukuthula. Oku kulandela izikhukhula zemvula enkulu zakutshanje ezibangele uninzi lwamangcwaba aseJacobsgarden abekwimo engaginyisi mathe.uVisser ukhankanye ngelithi, ukuba amangcwaba amaninzi aye atshonela ngaphakathi - ucele uluntu ukuba baphande amangcwaba wamalungu osapho lwabo ukuba bayachaphazeleka na kwaye bancede bawabuyisele kwisidima nentlonipho.