Umasipala wengingqi yaseNama-khoi ngoku utshintsha imibhobho yamanzi emvula ukuze aphucule iziseko ezingundoqo eSpringbok njengoko ulungiso lukwinqanaba eliphezulu.Oku kudizwe ngulo masipala kwelinye lamaqonga onxibelelwano ngoLwesine, ngomhla weshumi elinesithathu kweyeKhala.Umasipala ubongoza abaqhubi beemoto nabahambi ngeenyawo ukuba bathathe amanyathelo afanelekileyo ngexesha lokusetyenzwa ezindleleni nezinye iiprojekthi. Kwaye kufuneka basebenzise imilinganiselo yesantya.Ngokukamasipala wengingqi yaseNama-khoi, inkqubo kuzwelonke ayisasebenzi ngoku yokuhlaziya iimpepha-mvume zokuqhuba, iimpepha-mvume zoluntu kunye nokuqeshwa kwabafundi. Ixesha elimiselweyo lisaza kwaziswa xa uhlaziyo lwenkqubo luza kulungiswa.Ngokumalunga neenkonzo zogutyulo, umasipala kungoku nje ufuna esinye isisombululo malunga neelori zogutyulo kulandela ifuthe elibi analo kuluntu olungqongileyo.