Ngelixa kubhiyozelwa usuku owayesokuba ngumongameli wenkululeko uNelson Mandela kuzwelonke, iindawo abahlali baseKomaggas bayakhala kwaye ababoni mfuneko yokukhumbula usuku - oku kulandela ingxaki yamanzi abajongene nayo ngoku.Uluntu lukhalaza ngelithi iitepu zabo zomile kangangeentsuku kwaye namanzi akhutshwa ngumasipala ngezithuthi ezihambisa amanzi awonelanga ukuze bakwazi ukwenza iimfuno ezingundoqo.Iyaqatsela imibuzo ethandabuzayo nanjengoko abazali bezibuza ukuba ingaba iimeko eziikolweni injani emva kwengxaki yamanzi uluntu olujongene nayo kwaye nexesha elibekiweyo lokusonjululwa lisajinga emoyeni.