Umbutho weeNqununu zaseMzantsi Afrika uvakalise ukuba kukho imfuneko yokuqeqesha iinqununu eMzantsi Afrika ukuze izikolo zikwazi ukusebenza kakuhle. Umongameli walo mbutho, uMashumu Ramulumo ethetha kwinkomfa yalo mbutho ePolokwane izolo, 27 kweyeKhala, ubalule ukuba izizukulwana ziyatshintsha kwaye iinqununu zidinga amacebo amatsha okukhokela abafundi bexesha elitsha.Le nkomfa kuzintsuku zimbini izinyasiwe ziinqununu ezingaphezulu kwekhulu eziphuma kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe nequkunjelwa namhlanje, 28 kweyeKhala. Iinqununu ezizimase le nkomfa zithi zinethemba lokuphucula izakhono zobunkokeli kunye neziphumo zesikolo.