ICandelo lokuPatrola kuhola wendlela eSpringbok kunye neeYunithi zokuPolisa uMyalelo woLuntu kunye neSebe lezeNdlela lePhondo liqhube uHlolo lweZithuthi eSpringbok.USjini uTimothy Sam ukhankanye ukuba imoto emhlophe enabantu abathathu ithe yamiswa yaze yagqogqwa. Kufunyenwe intsango exabisa malunga namashumi amathandathu amawaka eerandi yaza yohluthwa. Apho indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala ithe yabanjwa yaze yagwetyelwa ukuba neziyobisi.Ngaxesha linye, namhlanje , amapolisa aseKeimoes afumene ulwazi kuluntu malunga neziyobisi ezigcinwe kwindlu eKeimoes.USgt Sam uthe baye balusebenzisa ulwazi kwaye bafumana iziqinisekiso ezifanelekileyo zokugqogqa indlu echongiweyo.Amapolisa bafumana bathatha iipilisi zemandrax kunye neTik zonke ezixabisa amawaka amathathu kunye namashumi amane anesithathu oyindoda wabanjwa wabekwa ityala lokufunyanwa neziyobisi..