Inkonzo yamapolisa ase Kleinsee eMzantsi Afrika iphanda kulandela ukubhubha kwamadoda asibhozo angaziwayo kwindawo yase Tweepad Mining ngase Kleinsee. Esi sehlo kukholeleka ukuba senzeke ngokuhlwa kwangoMvulo.U-Lt. Col. Sergio Kock udize ukuba iingxelo zokuqala zibonisa ukuba abantu abangasekhoyo babevaleleke ngaphantsi komhlaba xa itonela yadilika.Wongeza ngelithi kweli nqanaba lokuqala ayinakuqinisekiswa ukuba kukho amaxhoba amangaphi.Inkonzo yamapolisa iForensic Service ibikwindawo yexhwayelo ukuze iqhube uphando ngonobangela. Okwangoku akukaziwa ubuzwe bomfi nanjengoko uphando lwamapolisa lusaqhubeka.