Amalungu oluntu e-Concordia aluthathele phantsi unxunguphalo lwawo kwizitalato zamaqonga onxibelelwano. Oku kuza emva kokuba izikhalazo zabo ziye zafikelela kwiindlebe ezingevayo xa bedlulisa kumasipala wendawo malunga nokunganeliseki kweenkonzo abazifumanayo.Izikhalazo zakutsha nje zimalunga nemibhobho yamanzi engahoywanga kwaye ibe zezithile kuphela.Ukongeza, amanye amagama emizi akabhaliswanga emva kokuhlawulela imibhobho yamanzi, apho ngamanye amaxesha kuyenzeka oko bakuhlawuleleyo akulingani noko kutsalwa kwimisele.Isithethi samaNama-khoi, uJason Milford udize ukuba bazakwenza ulandelelo kodwa okwangoku abahlali bangathumela izikhalazo zabo ku-079 924 3092 ukuze ziphendulwe kwaye bazinyaswe ngabasebenzi bakamasipala abalindileyo.