By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 17 Aug 2023
Language: Xhosa
Category: Community
Umasipala waseRitchersveld uza kubamba iMbizo ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeThupha kuluntu lwase-Eksteenfontein.
Umasipala waseRitchersveld uza kubamba iMbizo ngokubambisana namasebe ohlukeneyo asekuhlaleni ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeThupha kuluntu lwase-Eksteenfontein - kwiwadi yokuqala njengoko umsitho uzakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa.Ilungu lasekuhlaleni liyamenywa ukuba lizimase nabo basuka kwiindawo ezisingqongileyo njengoko usodolophu wengingqi uCornel Knoph eza kube echophele lo msitho.Uthethathethwano noluntu lujolise ekwandiseni ukubonakala kunye nokuqonda imiba kunye nokuba amalungu oluntu athethe ngezigqibo ezichaphazela ubomi babo, iidolophu kunye nezixeko zabo.Oku kulandela umbono worhulumente wasekhaya obona unikezelo lweenkonzo olulambathayo olukhokelele ekuhleni kwemithombo yobutyebi, kungabikho mathuba emisebenzi, izinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho kunye neemeko zokuphila ezimbi ngokubanzi.
Related News