Toggle navigation
Home
Programming
Programme Schedule
Outside Broadcasts
News
About us
Contact us
Listen Live
×
Live on NFM 98.1
Listen Live
On air now
Radio NFM Live
The Voice of the Namakwa People
Your browser does not support the audio player.
Press play to listen live.
Contact the studio
027 744 1610
Call
Message
News
Back to News
By:
Siphiwe Ngcongco
Date:
Wed, 23 Aug 2023
Language:
Xhosa
Category:
Crime
UMphathiswa uCele uzakundwendwela iintsapho zamapolisa awileyo eMntla Koloni.
Umphathiswa wamaPolisa uBheki Cele kulindeleke ukuba atyelele iintsapho zamapolisa amabini aseMntla Koloni abulewe ngoLwesibini ngumrhanelwa onxulumene neveni ebiweyo eKimberley. uConstable Okaetse Mandindi oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala kunye noSajini uKedimetse Masilo oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala bebengamalungu eKimberley Flying Squad. Izolo badutyulwe xa bebekhangela isithuthi ekusolwa ukuba besibiwe. USjini Masilo ungene kule nkonzo ngo-2007 kwaye wayekwinkonzo yeminyaka elishumi elinesithandathu ngethuba ebhubha logama uConstable Mandindi wangena kule nkonzo ngo-2012 nalapho wayegqibe iminyaka elishumi elinanye esweleka. UNjengele Masemola uthi lo mbutho uzakuqinisekisa ukuba ubulungisa bukhona kwiintsapho zabo, izihlobo kunye noogxa babo. Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi eKimberley ngoLwesine, umhla 24 kweyeThupha 2023 ngamatyala aliqela aquka amatyala amabini okubulala.
Share This Article
Facebook
Twitter
WhatsApp
« Steenhuisen ubhengeze uGq. Fritz njengoza kuba ngumgqatswa weNkulumbuso kunyaka ozayo.
INgqungquthela ye-BRICS yamkele isibhengezo sokunika ubulungu obupheleleyo kumazwe amathandathu. »
Related News
Mon, 24 Aug 2026
Opvoeder van Namakwaland Hoërskool op spesiale verlof
Thu, 20 Aug 2026
SAPD soek verdagte ná dodelike steekvoorval
Thu, 20 Aug 2026
Kuruman-man kry drie jaar tronkstraf vir poging tot moord