By: Siphiwe Ngcongco
Date: Mon, 27 Nov 2023
Language: Xhosa
Category: Community
Iivenkile ziphantsi komngcipheko ukuba zisebenza ngaphandle kwamaxwebhu afanelekileyo.
Umasipala wengingqi yaseRicthersveld, ebambisene nomasipala wesithili saseNamakwa, wenze indibano yocweyo yokhuseleko lokutya kunye nococeko kwiivenkile ezithengisa ukutya kunye nezasemakhaya. Le ndibano ibibanjelwe ePort Nolloth kwaye abanini beevenkile namakhaya bebezimasile kwiseshino yolwazi. Izihloko ezithe zaxoxwa ngazo zibandakanya ukulungiswa kokutya, ukuphatha, ukugcinwa, imigangatho esisiseko yezempilo kunye ukuphathwa kweelayisenisi kunye nezatifikethi. Inkqubo iyaqhubeka kwaye iivenkile ezingahlangabezani neemfuno ezisisiseko ziya kuvalwa. Le projekthi ikwayintsebenziswano namapolisa.
Related News