uMphathiswa wezeMfundo, uMnu Zolile Monakali utyelele iintsapho zakwaFortuin nezakwaBritz eSteinkopf namhlanje. Zombini iintsapho zaphulukana nonyana wazo kwimpelaveki ephelileyo.La makhwenkwe kuthiwa aduke ngobusuku bangoMgqibelo ze amapolisa afumana imizimba yawo emva kwemini ngeCawe.Amakhwenkwe amabini abonwa edlala kunye phambi kwesiganeko esibulalayo.Amapolisa aseMtla Koloni athe iimpahla zale nkwenkwana zibhaqwe elunxwemeni lwelindle.uJason Milfordt, isithethi sikamasipala waseNama-Khoi kunyanzeleke ukuba umasipala ancedise amapolisa ekukhupheni izidumbu ngokukhupha ilindle kweli dama.Umasipala sele etyelele ezi ntsapho zisezintlungwini kwaye uthembise ngokuzixhasa UMphathiswa ubekhatshwa nguSodolophu weSithili saseNamakwa, uMnu Mervin Cloete kunye neLungu lePalamente, uSandra Beukes ukuze badlulise amazwi ovelwano egameni likaRhulumente kwiintsapho.Emva kwemini yale njikalanga, iintsapho zizakube zibambe inkonzo yesikhumbuzo yala makhwenkwe mabini aneminyaka esixhenxe ubudala, kwaye umngcwabo uzakubanjwa kulo Mgqibelo uzayo eSteinkof.Mamela iRadio NFM yakho njengoko inkonzo yesikhumbuzo iza kusasazwa ngqo emva kwentsimbi yesine.