By: Siphiwe Ngcongco
Date: Tue, 20 Feb 2024
Language: Xhosa
Category: Financial Indicators
Iingcali zezoqoqosho ziqikelela irhafu yepetroli ingenyuka kuleveki.
Iingcali zezoqoqosho ziqikelela ukuba umphathiswa wezemali uEnoch Godongwana uzakubhengeza ukonyuswa kwerhafu yepetroli kwintetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali kule veki. Oku kuza emva kweminyaka emibini kunqunyanyisiwe iGeneral Fuel Levy ukunyuka elizweni. Umrhumo wamafutha okhoyo ngoku ziirandi ezintathu-amashumi alithoba anesihlanu ngelitha, ngelixa irhafu yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela ikwishumi elinesibhozo leerandi. Ngokweziqikelelo, ukunyuka okunxulumene nokunyuka kwamaxabiso kungabona ukunyuka kweerhafu phakathi kwamashumi amabini anesixhenxe, kunye neesenti ezingamashumi amathathu anesixhenxe ngelitha kwiinyanga ezimbalwa ezizayo. Iingcali zezoqoqosho zilumkisa ngelithi oku kuya kukhokelela abathengi kwisaqhwithi samaxabiso epetroli esinokuchaphazela lonke ikhonkco lexabiso.
Related News