Phambi koSuku lwamaLungelo oLuntu ekupheleni kwale veki, uMongameli Cyril Ramaphosa ukhumbuze ukuba ilizwe alinakukhululeka ngenene de bonke abantu bakhululeke.Ethetha nesizwe ngencwadana yakhe yeveki, uMongameli uthe bonke abantu, zonke indawo, banamalungelo asisiseko kwaye kufuneka bakhululeke ukuwasebenzisa.Ecinga kule minyaka ingamashumi amathathu idlulileyo, uthe, iziphumo zocalucalulo zikho kulo lonke uluntu – nokuba kukwimpilo, kwiziphumo zemfundo nophuhliso, ukufikelela kwiinkonzo ezisisiseko ezingundoqo, okanye kubume bobuhlanga, intswela-ngqesho, ukungalingani nokungakhathalelwa.