UNondyebo weSizwe uvakalise inkxalabo ngenkcitho ephantsi kwizibonelelo zeziseko zophuhliso ngoomasipala kwikota yesibini yonyaka-mali ka-2023/24.UNondyebo weSizwe uthe ukunikezelwa kwenkxaso-mali enemiqathango engasetyenziswanga kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe kuneziphumo ezibi kuluntu ekufuneka lufumane iinkonzo ezingqamene neziseko ezingundoqo eziza kwakhiwa.Ngelixa, uhlahlelo lweminyaka yabatyalwayo lubonisa ukuba ngaphezulu kwekhulu leebhiliyoni zeerandi etyalwa ngoomasipala ukuya kutsho kumashumi amathathu ananye kuDisemba ka-2023, apho kukho ukonyuka okungaphaya kweebhiliyoni ezimbini zeerandi xa kuthelekiswa nemali ebixelwe kwikota yokuqala ka-2023/24.