INkulumbuso yaseMntla Koloni, uGqirha Zamani Saul, ekhatshwa nguMphathiswa ojongene noLutsha, abasetyhini, abantu abakhubazekileyo, unxibelelwano kunye norhulumente we-elektronikhi, uVenus Blennies unikezele ngenkxaso-mali nezixhobo kubaxhamli abangamashumi amabini anesibini kwisithili saseNamakwa kwingxowa-mali yeYouth, Women, & Persons with Disability.Unikezelo lwenzeka kwiholo yoluntu yaseConcordia kusasa namhlanje. Uluntu kunye noosomashishini abancinci kwisithili siphela beze ngamanani ukuze bamkele ngokuthobekileyo oko iNkulumbuso ikubona njengokuxhobisa amashishini asekuhlaleni kwaye asombulule imingeni yoshishino. Urhulumente wephondo ukhuphe itshekhi zamashishini asakhasayo ezixabisa ngaphezulu kwekhulu elinamashumi amahlanu amawaka eerandi. USaul ukhankanye wathi abo bamkelayo bafanele basebenzise iimali abayinikiweyo kwezoshishino ngayo ukuze isetyenziselwe ishishini.