Inkundla kamantyi yaseGaries eMntla Koloni izolo inike ibheyile indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu ubudala ejongene netyala lokuba nemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi kunye nokuvelisa iziqhushumbisi ezingekho mthethweni.U-André Freyer ubanjwe ngoLwesithathu emva kophando olumanyaniswa netyala lokuzingela ngokungekho mthethweni kwindawo yoLondolozo lweNdalo eSpringbok.Iqela elibonakalayo lamapolisa lifumene imipu efihliweyo, iimbumbulu kunye nezinto eziqhumayo kufutshane neNdawo yoLondolozo lweNdalo ngexesha lokwalatha. Ibheyile yewaka leerandi inikwe uFreyer kwaye ityala limiselwe inyanga ezayo ukuze ityala lidluliselwe kwinkundla yenqila.