Udano luye lwehla kubahlali baseNababeep emva kokuba bebonelelwe ngombane kutsha nje. Ezinye ingingqi azikabinawo umbane kunanamhlanje njengoba abahlali bebala usuku lweshumi. Abahlali bathathele kumakhasi onxibelelwano bevakalisa ukungonwabi kunye nokukhathazeka kwabo. Isithethi sikaNama Khoi, uJason Milford, uqinisekise ngethuba kudliwano-ndlebe ngale ntsasa ukuba i-transformer ineengxaki ezongezelelweyo kodwa ezininzi zisonjululwe ngokufanelekileyo xa abahlali babika ukuba umbane ubuyile kwezinye iindawo. Iziseko zophuhliso eziphelelwe lixesha zingunobangela woluphazamiseko kwaye ngoku umasipala uzama ukufumana isisombululo sexesha elide, ukuze izibane zabahlali zihlale zikhanya. Lo masipala ukwacele uxolo ngale ngxaki, emva kokuba abanye abahlali beye balahla ukutya okukhenkcezisiweyo ngenxa yoluphazamiseko. UMilford uphinde wacela ukuba abahlali bachaze izikhalazo zabo kwisebe leenkonzo kule nombolo 079 924 3092.