Abahlali basePella abahlukanga kumalungu oluntu lwaseNababeep abajongene nokucima kombane. NgokukaMasipala weNgingqi waseKhai-Ma, oku kungenxa yeengcingo zombane ezingalunganga ezichaphazela iisathelayithi. Kwisaziso esikhutshwe eluntwini, umasipala ubalule ukuba ukucinywa kombane kuchaphazele i-ofisi yakwaPella Satellite kubangele ukuphazamiseka xa abahlali bethenga umbane. Ngaphaya koko, oku kuphazamisile ukusebenza kwenethiwekhi kodwa oko kujongiwe. Lo masipala wongeze ngelithi, umboneleli-nkonzo wazisiwe kwaye unxibelelana no-Eskom, nanjengoko amagcisa ehla enyuka elungisa le ngxaki. Benza konke okusemandleni abo ukuzisa izinto kwimeko yesiqhelo. Amalungu oluntu ayabongozwa ukuba abe nomonde.