Abafundi beSikolo samaBanga aPhakamileyo saseBoesmanland ePofadder kumasipala wengingqi yaseKhai-Ma izolo bafumene iseshoni yemfundo nobomi obuqhutywa ngabezomthetho norhulumente waseMntla Koloni.UCol Maggie Ndzutha ophuma kwiProvincial Social Crime Prevention uthethe ngobungozi bokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala kunye nokuba nezixhobo eziyingozi esikolweni. UNdzutha ubongoze abafundi ukuba bazikhwebule kwiintlobano zesini kwaye bathintele ukukhulelwa kolutsha.Oku kusebenze njengenxalenye yenkqubo yokwakha phantsi kwe-Operation Basadi iza kuqhutyelwa ePofadder ukubhiyozela uSuku lweSizwe lwabaseTyhini oluza kubanjelwa kumabala emidlalo iDennis Nel ngoLwesihlanu.