Umasipala wesithili saseNamakwa kunye ne-ofisi kasodolophu olawulayo, uCeba uMervin Cloete bazakubamba uqhanqalazo lomthandazo wokuchasa ubundlobongela obusekelwe kwisini ngomhla wamashumi amabini anesithathu kulenyanga. Uhambo luya kuqhubeka e-Okiep, 4 Kamp, ukususela ngentsimbi yesithoba kusasa ngoLwesihlanu. Iinjongo zalo mngcelele kukwazisa ngobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nokuvakalisa inkxaso kumaxhoba. Uluntu luyacelwa ukuba lunxibe iimpahla ezimnyama njengophawu lokumanyana kwaye lumanyane ukulwa lo bhubhani. Eli phulo liyinxalenye yomlo omkhulu wokulwa ubundlobongela nokuxhatshazwa kwabasetyhini kuluntu lwethu.