Ngentsasa yanamhlanje, iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika yazise iPalamente malunga neenkcukacha-manani zamva nje zolwaphulo-mthetho kwixesha leTshazimpuzi ukuya kweyeSilimela kulonyaka. Bakhankanye ukuba izinga lokubulala lihlile, njengolwaphulo-mthetho ngokwesondo. Kodwa kukho ukunyuka okukhulu ekuzameni ukubulala. Ngelixa, amawaka amathandathu anamakhulu amabini anamashumi amabini anesibhozo abantu bathe babulawa.Oku kukwehla ngekhulu elinamashumi alithoba anesithandathu. Ulwaphulo-mthetho ngokwesondo nalo lwehle ngeepesenti ezimbini. Kodwa ukuzama ukubulala kunyuke ngesixhenxe ekhulwini.Onke amaphondo, ngaphandle kwelaseMpumalanga naseMntla Koloni, anike ingxelo yokuba lehlile izinga lokubulala kwisithuba seenyanga ezintathu.