Abaphathi bamapolisa aseMntla Koloni bayasamkela isigwetywa sendoda eneminyaka engamashumi amathathu ubudala yaseSpringbok ngokudlwengula intwazana eneminyaka emihlanu ubudala.U-Lt. Col. Sergio Kock udize ukuba ngomhla wokuqala kweyeNkanga 2020 ixhoba laphuma kowabo laya kwivenkile ekufutshane nalapho lafikelwa ngumtyholwa, nowathi walithatha walisa kwityotyombe lakhe walidlwengula.Kock ukwathe ixhoba laxelela umama walo ze umtyholwa wabanjwa. Umtyholwa ufunyanwa enetyala lokudlwengula waze wagwetywa iminyaka engamashumi amabini anesihlanu entolongweni ngomhla wesithathu kule nyanga.