# Umbutho woPhuhliso loluLutsha kunye neKhampasi yeKholeji yasekuhlaleni iye yabamba ingxoxo yolutsha e-Okiep egxile kwimfundo yedemokhrasi kunye nonyulo kunye nabafundi. Oku kuza kuphumelela ukufakela ulwazi kulutsha nanjengoko uMzantsi Afrika usiya kuvoto ngomhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe.Kuye kwachazwa ukuba olu nyulo luzayo lubalulekile kwaye ulutsha luyimarike ekujoliswe kuyo ukuya kuvota. Iinkcukacha-manani zolutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo ukuya kumashumi amathathu anesihlanu zisahleli zisezantsi kwaye zifaka ixhala lokuba bangaphi abazakuya kuvota ekupheleni kwale nyanga.Ulutsha alukhange lukwazi ukuvakalisa iinkxalabo zalo neembono zalo kwingxoxo xa lunikwe iqonga lokuthetha.