By: Siphiwe Ngcongco
Date: Mon, 24 Apr 2023
Language: Xhosa
Category: Politics
Amazwi ovelwano aqhubela phambili ukuthuthuzela usapho nezihlobo leqabane motlhako.
Imibutho yezopolitiko, imibutho yabasebenzi kunye namajelo eendaba oluntu ayaqhubeka nokudlulisa imiyalezo esuka entliziyweni kusapho nezihlobo zeQela lamaKomanisi loMzantsi Afrika [SACP] Owayesakuba nguSekela Nobhala Jikelele weSibini kunye neLungu leKomiti ePhakamileyo, ongasekhoyo iqabane uChristopher Tshepo Mothlako.Umbutho weAfrican National Congress (ANC) uthe lo mbutho uphulukene nesitsha ntliziyo besithembekile nesizinikeleyo.Ngokwengxelo yamajelo eendaba, iANC ithe: "Njengomfundi kunye netshantliziyo lolutsha, wabonakalisa umoya "wokungalalanisi kwaye unganikezela".“Wayengumntu othobekileyo, kodwa omeleleyo wokulwa nokungabikho kobulungisa bocalucalulo. iQabane uChris wayegorha elalisebenza ngokufihlakeleyo loMzabalazo, owayenegalelo lokwenyani kwinkululeko ekusafuneka ivunywe ngokupheleleyo kwaye ibhalwe phantsi".I-National Education, Health and Allied Workers’ Union [NEHAWU] ithembise ngokuqinisa amaphulo omanyano lwamazwe ngamazwe ekudalweni kwehlabathi elinobulungisa. Ukwabongoza ukuba i-SACP, i-vanguard party iqhubeke nenkqubo yokwakha umbutho onamandla wobusoshiyali wabasebenzi kunye namahlwempu ukuze kufikelelwe ekuphuculeni nakwezentlalo.Kusenjalo, iNkongolo yeMibutho yaBasebenzi yoMzantsi Afrika (COSATU) eMntla Koloni ithembise ngokuyigcina iNdwe eBomvu iphaphazela phezulu kakhulu kwaye izibophelele ekuqhubekeni nokulwa imiqathango yobungqwabalala kunye nazo zonke iintlobo zokuxhaphaza eziziswa yinkqubo yongxowankulu.
Related News