Iinkxalabo malunga namazinga aphezulu olwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika ziyanda njengoko uMongameli uCyril Ramaphosa elungiselela ukwenza intetho yeSizwe (iSona).
Kulindeleke ukuba uRamaphosa enze iSona kwiHolo yeSixeko saseKapa eNtshona Koloni ngomso.
Ucele amapolisa ukuba abeke phambili ukunciphisa ulwaphulo-mthetho olunxulumene nezibhamu kunye nokufunyanwa kwezibhamu ezingekho mthethweni ngexesha lentetho yakhe kunyaka ophelileyo.
Iqela le-Gun Free South Africa, nangona kunjalo, lithi abantu abangama-33 basabulawa imihla ngemihla kweli lizwe.
Lo mbutho uthi amapolisa awenzanga ngokwaneleyo ukulwa nobundlobongela obubangelwa zizibhamu, nangona inani lokubulawa kwabantu lifikelela kwinqanaba lentlekele.