Inani labantu ababhubhileyo baseKleinsee lihlala lisanda njengoko amapolisa kunye namanye amagosa eqhubeka nokulanda phantsi komhlaba.Ingxelo yamva nje yamaPolisa oMzantsi Afrika ifumanise ukuba amadoda alishumi elinesithathu kwindawo yaseTweepad Mining ngaseKleinsee.U-Lt. Col. Sergio Kock uthe izolo ezinye izidumbu ezine zifunyenwe kule ndawo .Esongeza ngelithi okwangoku azikaziwa iinkcukacha zomntu obhubhileyo nobuzwe njengoko uphando lwamapolisa lusaqhubeka.