By: Siphiwe Ngcongco
Date: Mon, 06 Nov 2023
Language: Xhosa
Category: Politics
ANC isathembisa izithembisa zomsebenzi nokuphelisa urhwaphilizo uPhononongo lweManifesto 2019.
iAfrican National Congress namhlanje iqhube uPhononongo lweManifesto yonyaka 2019 eSpringbok. Lo msitho ukhokelwe nguGwede Mantashe ozimase uGqirha Zamani Saul nabanye abathathi-nxaxheba abafanelekileyo. Amalungu oluntu lwesithili saseNamakwa ebezimase umsitho wokumamela into ebithethwa ngabathunywa bombutho kulandela ukuba baza kunika ingxelo kuluntu malunga nokuphunyezwa kwezibophelelo zonyulo luka-2019. Kwakhona, baya kube bemisela imeko ekuvumeleni ukwandiswa kothethathethwano lwamacandelo angaphantsi kommandla, wesebe nawo wonke umjikelo ngeenzame zokufumana ingxelo kunye nezigxeko. Usihlalo wombutho wezopolitiko woLutsha kwingingqi uCornell Knoph uthethe nolutsha ngamathuba akhoyo kunye nendima yawo kuphuhliso oluzinzileyo ekuhlaleni. Ngezithembiso ezifanayo kwiminyaka engaphambili, lo mbutho usamile ekuthembiseni ngokuzisa amathuba emisebenzi, uphuhliso loluntu ngokweziseko zedolophu kunye nokuphelisa urhwaphilizo. Lo mbutho ubongoza uluntu ukuba abantu mabazityand’ igila ngamaqela aphikisayo athengisa amaphupha kwaye anyelise igama lombutho olawulayo
Related News