Umongameli uCyril Ramaphosa umemelele abemi, imibutho yezopolitiko kunye noluntu ukuba basebenzisane ukuqinisekisa ukuba unyulo lwalo nyaka “luyimpumelelo kuhambo lwethu oluqhubekayo lokuzinzisa intando yesininzi”.UMongameli ebethetha nesizwe ngencwadana yakhe ephuma qho ngeveki.Umongameli uRamaphosa uthe ngokophando, uninzi lwabemi boMzantsi Afrika “luyakuqonda ukubaluleka kwevoti yabo kwaye bakholelwa ukuba banoxanduva lokuvota” ngokomyalelo we-IEC wafumanisa ukuba malunga nama-57% abemi boMzantsi Afrika abavakalise ukholo lwabo lokuba ukuvota ngumsebenzi wabo.Ulonyulo lweSizwe nolwePhondo lowama-2024 kulindeleke ukuba lubanjwe ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe kulo nyaka.